
I-Copy Trading kwi-Deriv Nakala iziseko ze-Copy Trading inikezela ngendlela ebhetyebhetye yokuthatha inxaxheba kwiimarike zemali ngokunivumela ukuba nixelise amaqhinga abarhwebi abanamava—abaziwa njengababoneleli ngamaqhinga. Nangona kunjalo, kanye njengalo naluphi na uhlobo lokurhweba, impumelelo ixhomekeke ekwenzeni izigqibo ezinolwazi kunye nokulawula imingcipheko ngokufanelekileyo ulawulo lomngcipheko. Ukukhetha umboneleli ngeqhinga elifanelekileyo, ukuphonononga ukusebenza kwakhe, kunye nokusebenzisa iimpawu zolawulo lomngcipheko ezakhelwe ngaphakathi kwi-Deriv kungenza umahluko omkhulu. Esi sikhokelo siya kunikhokela kuyo yonke into ekufuneka niyazi ukuze nizilungiselele amava e-Copy Trading akhuselekileyo naphumelelayo ngakumbi.
Ukuqonda imilinganiselo yomboneleli ngeqhinga
Ngaphambi kokukopa urhwebo, kubalulekile ukuhlalutya imbali yokusebenza kunye nendlela yokurhweba yomboneleli ngamnye. Kwi-Deriv Nakala, niya kufumana imilinganiselo ebanzi eyenzelwe ukunceda abasebenzisi benze izigqibo ezinolwazi:
- Imbali yengeniso: Bonani ngeliso lengqondo indlela iingeniso zomboneleli ezitshintshe ngayo ngokuhamba kwexesha. Iingeniso ezingaguqukiyo nezizinzileyo zihlala ziluphawu oluhle.
- Ingeniso eqinisekisiweyo: Ibonisa ipesenti yengeniso okanye ilahleko evela kurhwebo oluvaliweyo. Oku kubonisa ukusebenza kokwenyani okugcinwe kwiakhawunti endaweni yezikhundla ezivuliweyo.
- Ingeniso yangoku: Imela inqanaba lengeniso yangoku, kuquka urhwebo oluvuliweyo noluvaliweyo—luncedo kuvavanyo lwexesha lokwenyani.
- Ingeniso okanye ilahleko engekaqinisekiswa (Unrealised P/L): Ibonisa ingeniso okanye ilahleko evela kurhwebo olusavuliweyo nolungekavalwa. Ingeniso okanye ilahleko engekaqinisekiswa ephezulu yongeza umngcipheko ukuba izikhundla ziyaguquguquka.
- Ingeniso okanye ilahleko eqinisekisiweyo (Realised P/L): Ingeniso okanye ilahleko epheleleyo umboneleli ayigcinileyo kurhwebo oluvaliweyo. Lo ngumlinganiselo ophambili wempumelelo yokwenyani.
- I-equity: Ixabiso lexesha lokwenyani leakhawunti yomboneleli, kuqukwa ibhalansi kunye nengeniso okanye ilahleko eguquguqukayo. I-equity eyehlayo ingabonisa umngcipheko owandisiweyo.
- Ibhalansi: Imali eseleyo kwiakhawunti yomboneleli evela kurhwebo oluvaliweyo kuphela. Ukuthelekisa ibhalansi ne-equity kunceda ekuqaqambiseni umngcipheko wezikhundla ezivuliweyo.
- Ukunyuka kokuhla kwe-leverage (Leverage max drawdown): Ibonisa olona hlo lukhulu kwimbali ye-equity yeakhawunti njengepesenti, ibonisa umngcipheko kunye nokusetyenziswa kwe-leverage.
- Urhwebo: Inani elipheleleyo lorhwebo olwenziweyo, elininika umbono wokuphindaphinda ukurhweba kunye nesitayile somboneleli.


Ngokuqonda nokuthelekisa le milinganiselo, niya kuba kuxhotyiswe ngcono ukuba nikhethe umboneleli ohambelana nenqanaba lomngcipheko enilikhethayo kunye neenjongo zenu zokurhweba.
Ukuvavanya isitayile sokurhweba somboneleli ngeqhinga
Umboneleli ngeqhinga ngamnye unendlela yakhe eyodwa yokurhweba. Nantsi imiba ephambili ekufuneka iqwalaselwe:
- Ixesha elide xa lithelekiswa nexesha elifutshane: Abanye ababoneleli bagxila kurhwebo oluninzi ngosuku (i-scalping okanye i-day trading), ngelixa abanye bekhetha ukugcina urhwebo iiveki okanye iinyanga.
- Abathanda umngcipheko xa bethelekiswa nabathatha ngononophelo: Ababoneleli abangxamileyo bangasukela iingeniso eziphezulu kodwa ngokuqhelekileyo ngomngcipheko omkhulu, ngelixa ababoneleli abathatha ngononophelo begxininisa ekukhuseleni inkunzi.
- Ukuhambelana neenjongo zenu: Ingaba iqhinga lomboneleli liyahambelana nomdla wenu womngcipheko, ubungakanani bemali yokurhweba, kunye neenjongo zenu zemali? Khumbulani, into esebenzela umsebenzisi omnye ingangamfaneli omnye.
Uvavanyo lomngcipheko kunye nokwahlulahlula kwi-Copy Trading
Ilitye lembombo le-Copy Trading esebenzayo lulawulo lomngcipheko. Nokuba asingonina abafaka urhwebo ngesandla, kukho amanyathelo eningawathatha ukulawula imingcipheko enxulumene nokurhweba. Iindlela ezimbalwa ezilungileyo ziquka:
- Yahlulahlulani imali kubaboneleli abaninzi: Ukwahlulahlula kwehlisa impembelelo enokubakho yokusebenza kakubi komboneleli omnye.
- Misani imida yokukopa kunye nee-Stop Loss: I-Deriv Nakala inivumela ukuba nichaze ukuba kungakanani enizimisele ukukubeka kumboneleli ngamnye. Ningakhetha ukuba nifuna ubungakanani borhwebo obungaguqukiyo, ukuxelisa ubungakanani bomboneleli okanye ukuba urhwebo lwenu lubekwe ngokulingana ne-equity yenu. Ningaseka kwakhona imida yokuhla ethambileyo nengqongqo (soft and hard drawdown limits) ukuze nimise iakhawunti yenu ekukopeni urhwebo olutsha (umda wokuhla othambileyo) okanye nivale zonke izikhundla (imida yokuhla engqongqo) ukunciphisa imingcipheko.
- Bekani iliso kwindlela yokuziphatha yomboneleli: Utshintsho lwesiquphe—olufana nokuhla okukhulu okanye urhwebo olunee-leverage eziphezulu—lungabonisa umngcipheko owandisiweyo.
- Ukuhlolwa kokusebenza rhoqo: Bekani ixesha lokuphonononga iziphumo zenu kwaye nilungelelanise ukuchanabeka kwenu njengoko kufuneka.
Ezona ndlela zilungileyo kubarhwebi abatsha be-Copy Trading
- Qalani Ngokuncinci, Nandise Ngokuthe Chu: Qalani ngesixa-mali esincinci kwaye nandise ukuchanabeka kuphela emva kokuba nikhululekile ngokusebenza komboneleli.
- Ukufunda Okuqhubekayo: Iimarike ziyaguquka—hlalani ninolwazi kwaye niphucule indlela yenu rhoqo.
- Hlalani Nibandakanyekile: Nokuba kunezixhobo zolawulo lomngcipheko, akukho qhinga limiswayo lize lilibaleke; ukubeka iliso ngokukhutheleyo kuhlala kubalulekile.
Ukukhetha umboneleli ngeqhinga elifanelekileyo kunye nokulawula imingcipheko yenu ngokufanelekileyo kwi-Deriv Nakala ngamanyathelo abalulekileyo ekwakheni uhambo oluyimpumelelo lwe-Copy Trading. Ngokuthatha ixesha lokuhlalutya imilinganiselo yomboneleli, ukuvavanya izitayile zokurhweba, kunye nokusebenzisa iimpawu zolawulo lomngcipheko zeqonga, niya kuzilungiselela amava akhuselekileyo navuzayo ngakumbi. Khumbulani, impumelelo ezinzileyo kwi-Copy Trading ifezekiswa ngokuhlala ninolwazi, ukwahlulahlula ngobulumko, kunye nokuphonononga amaqhinga enu rhoqo. Ngocwangciso olucokisekileyo kunye nokuphaphama okuqhubekayo, ningasebenzisa ngokupheleleyo amathuba anikezelwa yi-Deriv Nakala.
Quiz
Leliphi inyathelo elinye elibalulekileyo xa nikhetha umboneleli weqhinga kwi-Deriv Nakala?


