
Yintoni ukurhweba nge-Expert Advisor?
Ukuba niyazibuza ukuba yintoni i-Expert Advisor (EA), aninodwa! I-EA yinkqubo yokurhweba ezenzekelayo esebenza ngaphakathi kwamaqonga afana ne-MT5 kunye ne-cTrader MT5. Ingavula, ilawule, ize ivale urhwebo ngokusekelwe kwimithetho emiselwe kwangaphambili. Ngenxa yobukrelekrele bokwenziwa ukurhweba okuzenzekelayo, ngoku ningazenzela okanye niphucule eyenu i-expert advisor yokurhweba ngokulula, nokuba ninamava amancinci okubhala ikhowudi.
Kutheni kufuneka nisebenzise i-AI ukwenza eyenu i-expert advisor
Ukwenza i-EA kungabonakala kusoyikisa, ingakumbi ukuba aninawo amava okubhala ikhowudi. Iindaba ezimnandi zezokuba ukusebenzisa i-AI ngoku kuvumela abasaqalayo kunye nabarhwebi abanamava ukuba benze iirobhothi ze-expert advisor ngokuchaza nje imithetho yokurhweba ngolwimi olulula. Iimodeli ze-AI ezifana ne-Claude, i-ChatGPT, kunye ne-Gemini ziguqula izimvo zenu zokurhweba zibe yikhowudi esebenzayo, nto leyo eyenza ukurhweba nge-expert advisor kufikeleleke ngakumbi kwaye kube namandla.
1. Ukukhetha imodeli ye-AI efanelekileyo yokwenza i-expert advisor
Ukuze niqalise, khethani imodeli ye-AI eza kuvelisa ikhowudi yenu ye-EA. Ezona ndlela zidumileyo ziquka:
- Claude (ye-Anthropic): igqwesile ekuveliseni ikhowudi ecwangciswe kakuhle.
- ChatGPT (ye-OpenAI): uhlobo oluhlawulelwayo ludume kakhulu ngemisebenzi yokubhala ikhowudi. Sebenzisani i-GPT-4 (o1) ukuyila ingqiqo yokuqala kunye nomyalelo, nize nisebenzise i-GPT-4o (o3 mini) ukuphucula iziphumo.
- Gemini (ye-Google AI): nayo iyilungele ikhowudi yokurhweba nge-algorithm.
Zamanani nemodeli nganye ukuze nifumane leyo ilungele indlela yenu kunye neemfuno zenu.
2. Indlela yokuyalela i-AI ukuba yenze i-expert advisor
Phambi kokuvelisa ikhowudi, ningafuna ukucela i-AI ukuba inincede nichaze okanye niphucule ingqiqo yenu yokurhweba, ingakumbi kwizicwangciso eziphambili. Nangona ningakutsiba oku, kungaziphucula kakhulu iziphumo.
Xa sele nilungile, sebenzisani umyalelo ocacileyo nocwangcisiweyo.
Umzekelo:
“Niziingcali zokubhala ikhowudi ye-MQL5. Yenzani i-expert advisor (EA) esebenza ngokupheleleyo kwi-MQL5 ngokusekelwe kwingqiqo nemithetho elandelayo. Yongezani amagqabantshintshi acacileyo ukuze ikhowudi ilandeleleke lula. Nikezelani ngekhowudi yomthombo epheleleyo ye-.mq5 ngaphakathi kwee-backtick ezintathu ekugqibeleni.”
Okulandelayo, chazani isicwangciso senu. Umzekelo:
- Sebenzisani i-Simple Moving Average (SMA) yamaxesha angama-50 kunye ne-SMA yamaxesha angama-200.
- Ngenani kurhwebo lokuthenga xa i-50 SMA inqumla ngaphezulu kwe-200 SMA kwisithuba sexesha se-H1.
- Valani urhwebo xa i-SMA iphinda inqumle isihla.
- Miselani i-Stop Loss kwi-swing low yokugqibela.
- Bekani emngciphekweni i-1% yebhalansi yeakhawunti kurhwebo ngalunye.
Okukhona imiyalelo yenu ingqale ngakumbi, kokukhona iziphumo ze-AI ziya kuchaneka kwaye zibe luncedo ngakumbi.
3. Ukukopa nokuvavanya ikhowudi yenu ye-EA eveliswe yi-AI
Kwi-Deriv MT5 (MQL5)
- Kwibha yezixhobo ye-Deriv MT5, cofani kwi-IDE.
- Kwikona ephezulu ekhohlo, khethani Entsha nize nikhethe i-Expert Advisor.
- Ngenisani igama le-EA yenu nize nilandele imiyalelo.
- Ncamathelisani ikhowudi yenu eveliswe yi-AI kwi-MetaEditor nize nijonge iimpazamo.
- Yenzani i-backtest ye-EA ukuqinisekisa ukuba isebenza ngokoko bekulindelwe.
- Ukuba konke kubonakala kulungile, buyelani kwi-MT5, vulani i-Navigator → cofani ekunene kwi-Expert Advisors → Ukuhlaziya.
- Tsalani i-EA yenu niyibeke kwitshathi nize nivule i-Algo Trading.
Kwi-Deriv cTrader (C#)
Celani i-cBot kwi-AI nge-C#. Sebenzisani umyalelo ocacileyo noneenkcukacha, ofana nalo:
“Bhalani irobhothi yokurhweba ye-cTrader (cBot) nge-C# engena kurhwebo lokuthenga xa i-RSI (14) ingaphantsi kwama-30, kwaye ixabiso livala ngaphezulu kwe-EMA yamaxesha angama-20 kwisithuba sexesha se-H1. Phumani kurhwebo xa i-RSI ifikelela kuma-70. Bekani emngciphekweni i-2% yebhalansi kurhwebo ngalunye.”
- Okukhona umyalelo wenu ungqale ngakumbi, kokukhona iziphumo ziba ngcono.
- Ukuba nidibana neempazamo, ncamathelisani imiyalezo yeempazamo kwakhona kwi-AI; ngokuqhelekileyo inganinceda nicombulule iingxaki.
4. Iimpazamo eziqhelekileyo ze-AI xa nisenza i-EA yokurhweba nendlela yokuzilungisa
Ikhowudi eveliswe yi-AI ayisoloko igqibelele. Nazi iingxaki ezimbalwa eningadibana nazo, kunye nezisombululo zazo:
Ingxaki 1: Impazamo ethi “Undeclared identifier” kwi-MQL5
Isisombululo: I-AI ingasebenzisa i-variable okanye umsebenzi ongachazwanga. Jongani kwakhona ubizo lwezalathisi olufana ne-iMA() okanye i-iRSI() ukuqinisekisa ukuba zixelwe ngokuchanekileyo. Ukungabikho kwemisebenzi yokuthenga/yokuthengisa
Ingxaki 2: Ukungabikho kwemisebenzi yokuthenga/yokuthengisa
Isisombululo: Yongezani imisebenzi yokurhweba ngesandla. Umzekelo:

Ingxaki 3: Ingqiqo yorhwebo engasebenziyo kwi-Deriv cTrader
Isisombululo: Qinisekisani ukuba ikhowudi yenu ingaphakathi kwi-event handler echanekileyo, efana ne-OnBar() okanye i-OnTick()
Ingxaki 4: Ukubalwa okungachanekanga kobukhulu be-lot
Isisombululo: I-AI ingabala ubukhulu bendawo yorhwebo ngokusekelwe kwibhalansi yeakhawunti kuphela, iphose ubukhulu bekontraka. Oku kungakhokelela kurhwebo olukhulu kakhulu okanye oluncinci kakhulu. Soloko nisenza i-backtest nize nilungise ifomyula ukuba kuyimfuneko.
5. Ezona ndlela zibalaseleyo zokusebenzisa i-AI ekurhwebeni
Nangona i-AI inokuvelisa ikhowudi esebenzayo, inokusilela ekusebenzeni ngokukuko okanye ekuthembekeni. Qwalaselani la macebiso ukuze niphucule i-EA yenu:
- Yongezani indlela yokulawula iimpazamo kwiimeko zemarike ezingalindelwanga.
- Sebenzisani i-trailing Stop Loss ukuze nikhusele inzuzo.
- Yenzani ii-backtest ukuze niphucule ukusebenza kwesicwangciso.
- Hlolani ikhowudi ngesandla okanye nisebenzise i-MetaEditor Debugger kwi-Deriv MT5.
6. Iyeza kungekudala: I-AI Debugging Agent
I-EA Debugging Agent entsha exhobiswe nge-AI iyaphuhliswa. Xa ikhutshiwe, iya kwenza oku:
- Ukulungisa ngokuzenzekelayo iimpazamo ze-syntax kwikhowudi eveliswe yi-AI
- Ukuphucula ukusebenza ngokukuko kokuphumeza imiyalelo
- Ukuchaza umgca ngamnye wekhowudi ngamazwi alula
Esi sixhobo siya kwenza ukulungisa iimpazamo kukhawuleze kwaye kufikeleleke ngakumbi, ngoko ke hlalani nilindele uhlaziyo.
Ukukudibanisa konke
Ngezixhobo zanamhlanje ze-AI, ukwakha i-expert advisor ye-Deriv MT5 okanye ye-Deriv cTrader kuyafikeleleka ngakumbi kunangaphambili. Ngokunikezela ngemiyalelo ecacileyo nokuvavanya ikhowudi yenu ngononophelo, ningenza, niphucule, nize nikhulise ezenu ii-algorithm zokurhweba. Ukuba nidibana nemingeni, jongani izisombululo eziqhelekileyo namacebiso anikezelwe ngasentla.
Ngaba nilungele ukwenza esenu isicwangciso sokurhweba esizenzekelayo? Yenzani i-EA yenu yokuqala nge-Deriv MT5 okanye i-cTrader nize niphilise isicwangciso senu nge-AI.


