
Qaphelani: Ukususela kweyeThupha 2025, asisanikezeli ngeqonga i-Deriv X.
Ingaba niyaqala ukurhweba ngee-CFD? Iqonga enilikhethayo linokuba nefuthe elikhulu kumava enu okurhweba. Kwi-Deriv, sinikezela ngamaqonga amathathu anamandla-i-MetaTrader 5 (MT5), i-cTrader, kunye ne-Deriv X. Nganye inamandla ayo, ngoko ke makhe sihlalutye nganye ukuze sinincede nifumane eyona ilungele isitayile senu sokurhweba.
I-Deriv MetaTrader 5 (MT5): Iqonga elinamandla elinako konke
I-MetaTrader 5 lelinye lamaqonga okurhweba adumileyo naneempawu ezininzi ehlabathini. Nokuba ningabaqalayo okanye ningabarhwebi abanamava, i-MT5 ibonelela ngezixhobo ezinamandla zohlalutyo lobugcisa, ukurhweba okuzenzekelayo, kunye nokubeka iliso kwimarike. Ningayisebenzisa kwidesktop, kwiwebhu, nakwiselula.
Iindidi zeeakhawunti ze-MT5
I-MT5 inikezela ngeendidi ezahlukeneyo zeeakhawunti ezihambelana neemfuno zenu zokurhweba:
- Iakhawunti e-Standard. Fikelelani kuluhlu olubanzi lwee-asethi, kuquka i-forex, iimpahla zorhwebo, kunye nee-Tactical and Derived Indices ze-Deriv.
- Iakhawunti yezeMali. Yenzelwe abarhwebi abakhetha ii-spread ezincinci kwii-asethi zezemali.
- Iakhawunti engena-swap. Iphepha iintlawulo zobusuku bonke, nto leyo eyenza ilungele abarhwebi abalandela imigaqo ethile yezemali.
- Iakhawunti ye-Zero spread. Ayinikezeli ngee-spread kodwa iquka ikhomishini ngorhwebo ngalunye ukuze kulawulwe iindleko ngokuchanekileyo.
Iitshathi nohlalutyo oluphucukileyo
I-MT5 ineendidi ezahlukeneyo zeetshathi, izalathisi zobugcisa, kunye nezixhobo zokuzoba zokunceda abarhwebi baphucule izicwangciso zabo zemarike. Iyakwazi ukulungiswa ngokupheleleyo, nto leyo enivumela ukuba nicwangcise iitshathi kunye nemiboniso ehambelana nendlela eniyikhethayo.

I-Deriv cTrader: Urhwebo olungenamagingxigingxi nolwentlalo
I-cTrader liqonga lokurhweba ngee-CFD ekulula ukuliqonda eligxininisa kujongano olucocekileyo nolusebenziseka lula. Iyafumaneka kwidesktop, kwiwebhu, nakwiselula, kwaye yenzelwe ukuba ibe lula kungakhathaliseki inqanaba lamava enu. Kodwa yintoni eyenza yahluke? I-Copy Trading.
I-Copy Trading yee-CFD
Ingaba nifuna ukulandela emanyathelweni abarhwebi abanamava? Uphawu lwe-Copy Trading lwe-cTrader lunivumela ukuba nilinganise ngokuzenzekelayo izicwangciso zabarhwebi abaziingcali. Oku kunokutshintsha izinto kakhulu kwabaqalayo, kubonelela ngoku kulandelayo:
- Amava okufunda ngokusebenza kubarhwebi abanamava.
- Ukwahlukanisa umngcipheko ngokulandela izicwangciso ezininzi.
- Ixesha elincinci phambi kwesikrini. Abanye banokwenza umsebenzi onzima ngelixa nijonge iziphumo.

I-Deriv X: Iyakwazi ukulungiswa ngokupheleleyo nge-TradingView
Kubarhwebi abathanda ukuzilungiselela izinto ngokwabo, i-Deriv X liqonga elibhetyebhetye elidibanisa amandla eetshathi ze-TradingView. Iyafumaneka kwiwebhu nakwiselula, ibonelela ngamava alungiselelwe abarhwebi abaxabisa indlela eyenzelwe bona.
Yintoni eyenza i-Deriv X ibalasele?
- Iyakwazi ukulungiswa kakhulu: Cwangcisani ideshibhodi yenu yokurhweba ngee-widget ukuze nenze ulungiselelo olufanele isitayile senu.
- Ukudityaniswa kwe-TradingView: Xhamlani kwiitshathi ze-TradingView ezikwaziyo ukulungiswa kakhulu, izalathisi, kunye nezixhobo zokuzoba.
- Ukubeka iliso kwii-asethi ezininzi: Jongani iitshathi ezininzi ngaxeshanye ukuze nilandelele iimarike ezahlukeneyo namaxesha ngokufanelekileyo.

Aniqinisekanga ukuba leliphi iqonga lee-CFD elinifanele kakhulu?
Elona qonga libalaseleyo lixhomekeke kwinto eniyikhangelayo:
- MT5: Ilungele abarhwebi abafuna uhlalutyo lobugcisa oluphucukileyo kunye neendidi ezahlukeneyo zeeakhawunti.
- cTrader: Ifanelekile ukuba nifuna iqonga elilungele abaqalayo elinomsebenzi we-Copy Trading.
- Deriv X: Ilungele abarhwebi abathanda ukuzilungiselela izinto ngokwabo kunye nezixhobo zeetshathi ezinamandla.
Nifuna ukuqiniseka? Zivavanyeni zonke kwi-demo kuqala.
Vulani iakhawunti ye-demo yasimahla kwiqonga ngalinye nize nibone ukuba leliphi elinifaneleyo. Eyona ndlela ibalaseleyo yokukhetha kukuziva ngokwenu.
Nikulungele ukurhweba? Vulani iakhawunti ye-demo namhlanje nize nifumane elona qonga lokurhweba linifaneleyo!
Quiz
Leliphi elona qonga lilungele i-Copy Trading?


