Tsibela ukuya kumxholo ophambili

Iimpahla zorhwebo ezenziwe lula: Isikhokelo sabasaqalayo

5
imizuzu yokufunda
Imiqondiso yesimbo se-neon yegolide, ioyile, ingqolowa, kunye nekofu eboniswe kwiiphaneli zeglasi ezikekelisiweyo, emele iintlobo ezahlukeneyo zeempahla zorhwebo ekurhwetywa ngazo.

Iimpahla zorhwebo zizinto ezikrwada ezigcina ihlabathi liqhubeka-ukusuka kwikofu esekomityini yenu ukuya kwigolide ekwizacholo zenu. Kudala zirhwetywa kangangeenkulungwane zeminyaka, ukususela kwimihla ye-Silk Road, kwaye namhlanje zisalelona candelo likhulu loqoqosho lwehlabathi. Ngokusisiseko, amaxabiso eempahla zorhwebo axhomekeke kumgaqo omnye olula: ubonelelo nemfuno.

Xa imfuno iphezulu kwaye ubonelelo luphantsi, amaxabiso ayanyuka kakhulu. Xa kusenzeka okuchaseneyo noko, amaxabiso ayehla. Kulula kanye ngolo hlobo!


Iintlobo ezimbini zeempahla zorhwebo

Iimpahla zorhwebo eziqinileyo Iimpahla zorhwebo ezithambileyo
Izinyithi Amandla Ezezolimo Imfuyo nenyama
Igolide Ioyile ekrwada Iimbotyi zesoya Iinkomo eziphilayo
Isilivere Igesi yendalo Ikofu Iihagu zenyama engenamafutha
Ikopholo Iphetroli Iinkozo Ubisi
Iplatinam Umqhaphu
* Olu luhlu lungentla lubonisa imizekelo embalwa kuphela. Enyanisweni, iqela ngalinyeenziwe ngeemveliso ezininzi ezahlukeneyo.

‍

Iimpahla zorhwebo ziza ngeentlobo ezimbini eziphambili:

  • Iimpahla zorhwebo eziqinileyo. Ezi zizibonelelo zendalo ezimbiwayo okanye ezikhutshwayo emhlabeni, ezifana neoyile, igolide, kunye nezinyithi.
    ‍
  • Iimpahla zorhwebo ezithambileyo. Ezi ziquka iimveliso zezolimo ezifana nengqolowa, ikofu, kunye neswekile.

Ezinye zeempahla zorhwebo ezidumileyo kwihlabathi lokurhweba ziquka ioyile (ingakumbi i-WTI ne-Brent ekrwada) kunye negolide, ehlala ikhethwa ngabarhwebi nanini na uqoqosho lubonakala lungazinzanga.

‍

Indlela yokuphucula kurhwebo lweempahla zorhwebo

Ingaba nifuna ukuphucula izakhono zenu zokurhweba ngeempahla zorhwebo? Nanga amanyathelo ambalwa aphambili:

  • Qondani into eshukumisa amaxabiso
    Iindlela uqoqosho oluhamba ngazo, iziganekoopolitiko, kwanentlekele zendalo zingakwazi ukuguqula amaxabiso eempahla zorhwebo. Ngokomzekelo, isaqhwithi esikhulu singaphazamisa ukuveliswa kweoyile, nto leyo enokubangela ukuba amaxabiso anyuke kakhulu. Ukuhlala nijonge iindaba zehlabathi kunganinika ithuba elingcono.
    ‍
  • Sebenzisani uhlalutyo lwemarike
    Abarhwebi bathembele kwiintlobo ezimbini eziphambili zohlalutyo:
    • Uhlalutyo olusisiseko (ukujonga ubonelelo, imfuno, kunye neemeko zoqoqosho)
    • Uhlalutyo lobuchwepheshe (ukusebenzisa iinkcukacha zamaxabiso angaphambili ukuze nibone iipateni)
    Ukudibanisa zombini ezi ntlobo kunganinceda nenze urhwebo olukrelekrele ngakumbi.
    ‍
  • Landelelani indlela amaxabiso ahamba ngayo
    Iimpahla zorhwebo zihamba ngendlela ethile, nokuba yenyukayo (i-bullish) okanye ehlayo (i-bearish). Ukubona ezi ndlela kwangethuba kunganinceda nenze urhwebo ngexesha elifanelekileyo.

‍

Indlela yokurhweba ngeempahla zorhwebo kwi-Deriv

Akukho mfuneko yokuba nibe nemiphanda yeoyile okanye izitena zegolide ukuze nirhwebe ngeempahla zorhwebo. Endaweni yoko, ningarhweba ngazo nisebenzisa ii-CFD (iiKhontrakthi zoMahluko) okanye ii-Options kwi-Deriv. Nantsi indlela:

‍

Urhwebo lwe-CFD kwi-Deriv

Rhwebani ngeempahla zorhwebo kumaqonga afana ne-Deriv MT5, i-Deriv cTrader, kunye ne-Deriv X ngokusebenzisa ii-CFD, ezinivumela ukuba:

  • Nithenge (go long) ukuba nicinga ukuba amaxabiso azakunyuka.
    ‍
  • Nithengise (go short) ukuba nilindele ukuba amaxabiso ehle.

Urhwebo lwenu luhlala luvuliwe ixesha elide kangangoko nithanda, nto leyo eninika ulawulo olungakumbi kwisicwangciso senu sokurhweba.

‍

Urhwebo lwe-Options kwi-Deriv

Ukuba nikhetha umngcipheko olungelelanisiweyo, zamani ii-digital options kwizinyithi nisebenzisa iikhontrakthi ze-Rise/Fall, ze-Higher/Lower, okanye ze-Touch/No Touch. Ezi zinivumela ukuba niqikelele intshukumo yamaxabiso kwixesha elimisiweyo.

  • I-Rise/Fall. Qikelelani ukuba ixabiso lizakuphela liphezulu okanye liphantsi kunaxa beningene kurhwebo.
    ‍
  • I-Higher/Lower. Misani ixabiso ekujoliswe kulo (umqobo) nize niqikelele ukuba imarike izakuphela ngaphezulu okanye ngaphantsi kwalo.
    ‍
  • I-Touch/No Touch. Qikelelani ukuba imarike izakufikelela kwixabiso elithile na.

Ngee-Options, nizakuyazi inzuzo okanye ilahleko enokubakho ngaphambi kokuba ningene kurhwebo-nto leyo eyenza ulawulo lomngcipheko lube lula.

‍

Ingaba nikulungele ukuqalisa ukurhweba ngeempahla zorhwebo?

Ukurhweba ngeempahla zorhwebo kuyachulumancisa kuba amaxabiso aphendula kwiziganeko zehlabathi lokwenyani, nto leyo enikezela ngamathuba kunye nemingcipheko. Yintoni isitshixo sempumelelo? Qhubekani nifunda, hlalani nikulungele ukuziqhelanisa neemeko ezitsha, kwaye nirhwebe ngobukrelekrele.

‍

Quiz

Yeyiphi impahla yorhwebo edla ngokubizwa ngokuba “yigolide emnyama”?

Imibuzo ebuzwa rhoqo

Analyse markets with AI-powered insights

Explore TradersView
WhatsApp