
UAlbert Einstein wakha wabiza inzala eyongezelekayo ngokuba “ngummangaliso wesibhozo wehlabathi,” ngesizathu esivakalayo. Ngoku, ngee-accumulator options kwi-Deriv, ningaxhamla ekukhuleni okongezelekayo ngendlela entsha kraca.
Yintoni eyenza ii-accumulator options zahluke?
Ngokungafaniyo nee-option zesiqhelo ezixhomekeke ekunyukeni okanye ekwehleni kwemarike, ii-accumulator options zimalunga nokuzinza. Endaweni yokuqikelela ukujika okukhulu kwexabiso, nijolise ekubeni intshukumo yexabiso ihlale ngaphakathi koluhlu olumisiweyo, nto leyo eninika indlela yokwenza ingeniso kwiintshukumo ezihamba ngokuthe tye.
Nantsi indlela esebenza ngayo:
- Nimisela isantya sokukhula (ukuya kwi-5%) esigqiba imali yenu ehlawulwayo enokufumaneka kunye noluhlu lwexabiso.

- Logama nje ixabiso lihlala ngaphakathi kolu luhlu, imali yenu ehlawulwayo iyongezeleka nge-tick nganye.

- Nigqiba ngokwenu ukuba nifuna ukuhlala ixesha elingakanani kurhwebo (ukuya kwii-tick ezingama-230), nto leyo eninika ulawulo kwiqhinga lenu.
- Ukuba ixabiso liphumela ngaphandle koluhlu, urhwebo luyavaleka ngokuzenzekelayo, kwaye ilahleko yenu iphelela kwisixa-mali sorhwebo senu sokuqala.
Kutheni kufuneka nirhwebe ngee-accumulator options?
- Rhwebani kwiimarike ezihamba ngokuthe tye. Akukho mfuneko yokuqikelela iintshukumo ezinkulu zamaxabiso-yenzani ingeniso ngokuzinza endaweni yoko.
- Zimiseleni olwenu uluhlu. Khethani isantya sokukhula (ukuya kwi-5%) esichaza zombini imali yenu ehlawulwayo enokufumaneka kunye noluhlu lwexabiso.
- Khethani ixesha lenu. Gqibani ukuba nifuna ukurhweba ixesha elingakanani (ukuya kwii-tick ezingama-230), nto leyo eninika ukuguquguquka kwixesha lenu nakumngcipheko enichanabeke kuwo.
- Yazini umngcipheko wenu kwangaphambili. Ilahleko yenu ephezulu isoloko iphelela kwisixa-mali sorhwebo senu sokuqala, ngoko ke akukho zinto zothusayo.
- Rhwebani nanini na, naphi na. Ziyafumaneka nge-24/7 kwizalathisi zokuguquguquka kwemarike, kuquka iimpelaveki neeholide.
Ukufumana ulungelelwaniso olufanelekileyo
Ii-accumulator options zinikezela ngamandla okukhula okongezelekayo, kodwa kukho into ekufuneka niyiqaphele: isantya sokukhula esiphezulu sithetha uluhlu lwamaxabiso olucuthekileyo, nto leyo eyandisa umngcipheko wokuvaleka korhwebo lwenu kwangethuba. Undoqo kukufumana umxube ofanelekileyo womngcipheko nomvuzo olungele indlela yenu yokurhweba.
Phononongani ii-accumulator options kwi-Deriv Trader
Ngaba nikulungele ukubona ukukhula okongezelekayo kusebenza? Ii-accumulator options zifumaneka kuphela kwi-Deriv Trader, apho ninokurhweba ngazo kwizalathisi zokuguquguquka kwemarike.
Qalani nge-akhawunti yedemo ukuze nivavanye iqhinga lenu nge-10 000 USD yemali engeyiyo yokwenyani, okanye nifunde ngakumbi ngezifundo zasimahla kwi-Deriv Academy.
Quiz
Kwenzeka ntoni ukuba ixabiso lemarike liphuma ngaphandle koluhlu lwenu enilubekileyo kurhwebo lwee-accumulator options?


